Utolo Lwecala Olunyanzelekileyo Phambili - Imigca Yesilumkiso
Apho lumiselwe khona: Kumzila wetrafikhi kuyo nayiphi na indlela ingakumbi ezidolophini.
Injongo: Ukunika isilumkiso kwangaphambili sokuba kuya kufuneka ulandele icala elithile kwisiphambuka esizayo.
Okufuneka kwenziwe: Yiya kumzila ochanekileyo kwangaphambili ngokwaneleyo ukuze uqhubeke ngecala ofuna ukuhamba ngalo.
Umgca Wokungagqithi / Wokunganqumli Phambili
Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela.
Injongo: Ukukulumkisa ukuba kukho umgca wokungagqithi okanye umgca wokunganqumli phambili.
Okufuneka kwenziwe: Qinisekisa ukuba awuwunqumli umgca wokwalela olandela uphawu. Ukuba ukwicala lasekunene lendlela buyela kumzila wasekhohlo kwangoko kangangoko phambi kokuba uqale umgca wokwalela.
Indawo Yokumisa Imoto Phambili - Imigca Yesilumkiso
Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela yasemaphandleni ingakumbi kwiindawo ezineentaba.
Injongo: Ukubonisa, ingakumbi kubaqhubi beemoto ezinzima, ukuba iibhreyiki zemoto zinokonakala kwaye iya kumiswa yindawo yerhabaxa ephambili.
Okufuneka kwenziwe: Ngena kule ndawo yokumisa imoto kuphela xa iibhreyiki zakho zisilela.
Izithintelo Zesantya
Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela ingakumbi ezidolophini.
Injongo: Ukulumkisa ukuba kukho isithintelo sesantya endleleni.
Okufuneka kwenziwe: Cotha uze ukhulule ibhreyiki yakho phambi kokuqhuba udlule phezu kwesithintelo sesantya.
Pass